4 Ngokuba imini nobusuku, besinzima phezu kwam isandla sakho,Baguquka ubumanzi bam, baba kukubalela kwasehlotyeni. (Phakamisani.)
5 Ndikwazisile isono sam, ubugwenxa bam andabugquma;Ndathi, Ndoluvuma ukreqo lwam kuYehova;Wabuxolela ke wena ubugwenxa besono sam. (Phakamisani.)
6 Ngenxa yoko mabathandaze kuwe bonke abenceba ngexesha lokukufumana;Inene, ekukhukuleni kwamanzi amaninziAkayi kufika kubo.
7 Wena uyindawo yokuzímela kwam; uyandilondoloza embandezelweni,Undingqònge ngomemelelo lokusiza. (Phakamisani.)
8 Ndiya kukuqiqisa ndikuyalele indlela owohamba ngayo:Ndiya kukucebisa, iliso lam likuwe.
9 Musani ukuba njengamahashe, njengoondlebende, ukungabi nangqondo;Abazivatho zingumkhala, neentambo zokubabopha umlomo;Bengenazo abasayi kusondela kuwe.
10 Mkhulu umvandedwa wongendawo;Ke okholosa ngoYehova, yena uya kumjikela ngenceba.