7 Wena uyindawo yokuzímela kwam; uyandilondoloza embandezelweni,Undingqònge ngomemelelo lokusiza. (Phakamisani.)
8 Ndiya kukuqiqisa ndikuyalele indlela owohamba ngayo:Ndiya kukucebisa, iliso lam likuwe.
9 Musani ukuba njengamahashe, njengoondlebende, ukungabi nangqondo;Abazivatho zingumkhala, neentambo zokubabopha umlomo;Bengenazo abasayi kusondela kuwe.
10 Mkhulu umvandedwa wongendawo;Ke okholosa ngoYehova, yena uya kumjikela ngenceba.
11 Vuyani kuYehova, nigcobe, nina malungisa,Nimemelele, nina nonke bantliziyo zithe tye.