13 Uqondéle esemazulwini uYehova;Uyababona bonke oonyana babantu;
14 Esendaweni yakhe yokuhlala, wondeleKubemi bonke behlabathi:
15 Ulobumba ngakunye intliziyo yabo,Uloqonda zonke izenzo zabo.
16 Akukho kumkani osindiswa yimpi enkulu;Igorha àlihlangulwa ngamandla alo amakhulu.
17 Liyaxoka ihashe ukuba lingásindisa,Nangamandla alo amakhulu alinakusiza.
18 Yabona, iliso likaYehova likubo abamoyikayo,Abalindéle inceba yakhe,
19 Ukuba awuhlangule ekufeni umphefumlo wabo,Abagcine ngexesha lendlala.