17 Liyaxoka ihashe ukuba lingásindisa,Nangamandla alo amakhulu alinakusiza.
18 Yabona, iliso likaYehova likubo abamoyikayo,Abalindéle inceba yakhe,
19 Ukuba awuhlangule ekufeni umphefumlo wabo,Abagcine ngexesha lendlala.
20 Umphefumlo wethu ulindele kuYehova;Nguye uncedo lwethu, nengweletshetshe yethu.
21 Ngokuba iya kuvuya ngaye intliziyo yethu,Sikholosile nje ngegama lakhe elingcwele.
22 Inceba yakho mayibe phezu kwethu, Yehova,Njengoko sikulindeleyo kuwe.