9 Ngokuba wathetha, kwabakho;Wawisa umthetho yena, kwema.
10 UYehova ulitshitshisile icebo leentlanga;Uzaléle iingcinga zezizwe.
11 Icebo likaYehova limi ngonaphakade,Iingcinga zentliziyo yakhe kwizizukulwana ngezizukulwana.
12 Hayi, uyolo lohlanga oluThixo walo unguYehova;Lwabantu abanyulileyo, baba lilifa kuye.
13 Uqondéle esemazulwini uYehova;Uyababona bonke oonyana babantu;
14 Esendaweni yakhe yokuhlala, wondeleKubemi bonke behlabathi:
15 Ulobumba ngakunye intliziyo yabo,Uloqonda zonke izenzo zabo.