10 Onke amathambo am aya kuthi, Yehova, ngubani na onjengawe,Mhlanguli wosizana kowomeleleyo kunalo,Kwausizana nehlwempu kumxhakamfuli walo?
11 Kusuke kwema amangqina angenakulungisa,Andibuza into endingayaziyo.
12 Bandibuyekeza ngobubi esikhundleni sokulungileyo;Uxhwalekile umphefumlo wam.
13 Ke mna, xa babesifa, iingubo zam bezizezirhwexayo;Ndawucinezela umphefumlo wam ngokuzila ukudla;Umthandazo wam wabuyela esifubeni sam.
14 Ndaziphatha njengokungathi únguwethu, njengokungathi úngumzalwana kum, ukuhamba-hamba kwam;Ndanga ndingombambazelela unina, ukuthobeka kwam, ndinezimnyama zokuzila.
15 Ke ekuqhwaleleni kwam avuya, ahlangana,Ahlangana ngam amagxidolo, nendingabaziyo,Bandihlalela ngentlamba, àbayeka.
16 Ngokweentshembenxa ezizihiba ngenxa yesonka,Banditshixizela amazinyo.