20 Ngokuba àbathethi luxolo;Bacinga amazwi enkohliso ngabanyhamnyhekileyo belizwe.
21 Bayandisinekela,Bathi, Tshotsho! Tshotsho! Abonile amehlo ethu.
22 Ùbonile, Yehova; musa ukuba sisithulu;Nkosi, musa ukuba kude kum.
23 Zivuse, uphaphe ngenxa yebango lam,Thixo wam, Nkosi yam, ngenxa yento esibambene ngayo.
24 Líthethe ityala lam ngokobulungisa bakho,Yehova Thixo wam;Mabangandivuyeleli;
25 Mabangàthi entliziyweni yabo,Tshotsho! Nantso into ebe siyfuna!Mabangàthi, Simginyile.
26 Mabadane, babe neentloni kunyeAbavuyela ububi bam;Bambathe ukudana nehlazoAbazikhulisayo kunam.