1 Musa ukuzivuthisa ngomsindo ngabenzi bobubi;Musa ukubamonela abenzi bobugqwetha.
2 Ngokuba baya kusikwa kamsinyane njengengca,Babune njengohlaza oluphumayo.
3 Kholosa ngoYehova, wenze okulungileyo;Limé ilizwe, ulandelane nokuthembeka.
4 Ziyolise ngoYehova;Wókunika okunqwenelwa yintliziyo yakho.
5 Yiyekele kuYehova indlela yakho,Ukholose ngaye; wókwenzela,
6 Abuvelise njengokukhanya ubulungisa bakho,Nebango lakho njengemini enkulu.
7 Yithi cwaka kuYehova, ulindele kuye;Musa ukuzivuthisa ngomsindo ngonempumelelo ngendlela yakhe,Ngomntu ofeza amayelenqe.