12 Ongendawo ulenzela amayelenqe ilungisa,Ulitshixizela amazinyo akhe.
13 INkosi iyamhleka,Ngokuba ibona ukuba iyeza imini yakhe.
14 Barholé ikrele abangendawo, bagobé isaphetha sabo,Ukuba bawise usizana nehlwempu,Basike abandlela zithe tye.
15 Ikrele labo liya kungena kwakweyabo intliziyo,Zaphuke izaphetha zabo.
16 Ilungile intwana elinayo ilungisa,Kunentabalala abanayo abangendawo abaninzi:
17 Ngokuba iingalo zabangendawo ziya kwaphulwa;NguYehova umxhasi wamalungisa.
18 NguYehova umazi wemihla yabagqibeleleyo,Nelifa labo liya kuba ngunaphakade.