14 Barholé ikrele abangendawo, bagobé isaphetha sabo,Ukuba bawise usizana nehlwempu,Basike abandlela zithe tye.
15 Ikrele labo liya kungena kwakweyabo intliziyo,Zaphuke izaphetha zabo.
16 Ilungile intwana elinayo ilungisa,Kunentabalala abanayo abangendawo abaninzi:
17 Ngokuba iingalo zabangendawo ziya kwaphulwa;NguYehova umxhasi wamalungisa.
18 NguYehova umazi wemihla yabagqibeleleyo,Nelifa labo liya kuba ngunaphakade.
19 Àbayi kudana ngexesha lobubi;Baya kuhlutha ngeemini zendlala:
20 Ngokuba abangendawo bayatshabalala;Iintshaba zikaYehova zinjengobuhle bamadlelo;Ziya kuphela njengomsi, ziphele.