27 Suka ebubini, wenze okulungileyo,Uhlale ngonaphakade.
28 Ngokuba uYehova uthanda okusesikweni,Angabashiyi abenceba bakhe;Bagciniwe ngonaphakade:Ke yona imbewu yongendawo iyanqanyulwa.
29 Amalungisa aya kulidla ilifa ilizwe,Ahlale kulo ngonaphakade.
30 Umlomo welungisa uxela ubulumko,Nolwimi lwalo luthetha okusesikweni.
31 Umyalelo woThixo walo usentliziyweni yalo;Akayi kuhexa amanyathela alo.
32 Ongendawo uyalilalela ilungisa,Ufuna ukulibulala.
33 UYehova akalinikeli esandleni sakhe,Angàligwebi ekuthethweni kwetyala lalo.