3 Akukho ndawo iphilileyo enyameni yam, ngenxa yokubhavuma kwakho;Akukho kuphila emathanjeni am, ngenxa yezono zam.
4 Ngokuba ubugwenxa bam bugqithile entlokweni yam,Bundisinda njengomthwalo onzima.
5 Iyanuka, iyabhiqiza imivumbo yam,Ngenxa yokumatha kwam.
6 Ndiyapenapena, ndisibekeke kakhulu;Yonke imini ndihamba-hamba ngezimnyama zokuzila.
7 Ngokuba kuyatshisa emihlubulweni yam,Akukho ndawo iphilileyo enyameni yam.
8 Ndiqobekile, ndityumkile kakhulu;Ndibhongiswa kukugcuma kwentliziyo yam.
9 Nkosi yam, úphambi kwakho wonke umnqweno wam,Nokuncwina kwam akusithele kuwe.