7 Ngokuba kuyatshisa emihlubulweni yam,Akukho ndawo iphilileyo enyameni yam.
8 Ndiqobekile, ndityumkile kakhulu;Ndibhongiswa kukugcuma kwentliziyo yam.
9 Nkosi yam, úphambi kwakho wonke umnqweno wam,Nokuncwina kwam akusithele kuwe.
10 Iphaphu lam liyabetha, ndiphelélwe ngamandla;Ukukhanya kwamehlo am, nako oko, akukho kum.
11 Abandithandayo nowethu bamele mgama ekubethweni kwam,Nezalamane zam zimi kude.
12 Bandithiyele abafuna umphefumlo wam;Abangxamele ukuba ndihlelwe bububi bathetha izinto zokweyelisela,Bacamanga inkohliso imini yonke.
13 Ke mna ndinjengesithulu, andiva;Njengesidenge esingawuvuliyo umlomo waso.