4 Ndathi, Ndázise, Yehova, isiphelo sam,Nomlinganiso wemihla yam, into oyiyo;Mandikwazi ukunqamka kwam, into okuyiyo.
5 Yabona, ùyenzé imihla yam yangangobubanzi besandla;Nobomi bam bunjengento engento phambi kwakho;Ngumphunga nje bonke abantu, nakuba bemi. (Phakamisani.)
6 Ùhamba-hamba umntu enjengesithunzi nje kodwa;Baxokozela ngomphunga nje kodwa;Bafumba, bengazi ukuba ngubani na oya kukuhlanganisa.
7 Ngoku ndiya kuthembela kwintoni na, Nkosi yam?Ukulinda kwam kukuwe.
8 Ndihlangule elukreqweni lwam lonke;Musa ukundimisela ingcikivo yesidenge.
9 Ndisisidenge, umlomo wam andiwuvuli,Ngokuba oko kwenziwe nguwe.
10 Sisuse kum isibetho sakho;Mna ndiyaphela kukutyundyutha kwesandla sakho.