6 Ùhamba-hamba umntu enjengesithunzi nje kodwa;Baxokozela ngomphunga nje kodwa;Bafumba, bengazi ukuba ngubani na oya kukuhlanganisa.
7 Ngoku ndiya kuthembela kwintoni na, Nkosi yam?Ukulinda kwam kukuwe.
8 Ndihlangule elukreqweni lwam lonke;Musa ukundimisela ingcikivo yesidenge.
9 Ndisisidenge, umlomo wam andiwuvuli,Ngokuba oko kwenziwe nguwe.
10 Sisuse kum isibetho sakho;Mna ndiyaphela kukutyundyutha kwesandla sakho.
11 Wakumthethisa umntu ngezohlwayo ngenxa yobugwenxa,Ùyasonakalisa njengenundu isoya sakhe;Bangumphunga nje kodwa bonke abantu. (Phakamisani.)
12 Yiva umthandazo wam, Yehova,Kubekele indlebe ukuzibika kwam.Musa ukuthi tu ezinyembezini zam;Ngokuba ndingumphambukeli kuwe,Undwendwe, njengoobawo bonke.