4 Ndikhumbula oku, ndiwuphalazela kum umphefumlo wam,Ukuhamba kwam nezihlwele ndisiya endlwini kaThixo,Sinezwi lokumemelela nokubulela, siyingxokolo evuyayo.
5 Kungani na ukuba ùsibekeke, mphefumlo wam;Kungani na ukuba ugule ngaphakathi kwam?Lindela kuThixo, ngokuba ndisaya kubuya ndibulele kuye,Olusindiso lobuso bam, noThixo wam.
6 Thixo wam, umphefumlo wam usibekekile kum; ngenxa yoko ndikhumbula wenaEzweni laseYordan, nakweleHermon, entabeni yeMitsare.
7 Amanzi anzongonzongo abiza amanzi anzongonzongo ngesandi seengxangxasi zakho;Onke amaza akho alwayo, amaza akho agugumayo, adlule phezu kwam.
8 Emini uYehova uya kuyiwisela umthetho inceba yakhe,Nasebusuku ukuvuma ngaye kunam,Ukuthandaza kuThixo wobomi bam.
9 Ndithi ke kuThixo oyingxondorha yam, Undilibele ngani na?Ndihambelani na ngezimnyama zokuzila ngokuxina kotshaba?
10 Ngento ephehlayo emathanjeni am, bayandingcikiva abandibandezelayo,Ngokuthi kwabo kum imihla yonke, Úphi na uThixo wakho?