7 Amanzi anzongonzongo abiza amanzi anzongonzongo ngesandi seengxangxasi zakho;Onke amaza akho alwayo, amaza akho agugumayo, adlule phezu kwam.
8 Emini uYehova uya kuyiwisela umthetho inceba yakhe,Nasebusuku ukuvuma ngaye kunam,Ukuthandaza kuThixo wobomi bam.
9 Ndithi ke kuThixo oyingxondorha yam, Undilibele ngani na?Ndihambelani na ngezimnyama zokuzila ngokuxina kotshaba?
10 Ngento ephehlayo emathanjeni am, bayandingcikiva abandibandezelayo,Ngokuthi kwabo kum imihla yonke, Úphi na uThixo wakho?
11 Kungani na ukuba ùsibekeke, mphefumlo wam;Kungani na ukuba ugule ngaphakathi kwam?Lindela kuThixo, ngokuba ndisaya kubuya ndibulele kuye,Olusindiso lobuso bam, noThixo wam.