15 Yonke imihla ihlazo lam liphambi kwam,Nokudana kobuso bam kundigubungele,
16 Ngenxa yezwi lomngcikivi nomnyelisi,Ngenxa yokukhangela kotshaba nomphindezeli.
17 Oko konke kusifikele, asikulibalanga wena,Asixokanga emnqophisweni wakho;
18 Ayibuyanga umva intliziyo yethu,Ukunyathela kwethu akuthanga gu bucala emendweni wakho;
19 Ukuba usityumze endaweni yeempungutye,Usigubungele ngethunzi lokufa.
20 Ukuba besililibele igama loThixo wethu,Sazolulela kuthixo wasemzini izandla zethu,
21 Úbengayi kuyigoca-goca na uThixo loo nto,Ngokuba ezazi iindawo ezifihlakeleyo zentliziyo?