17 Oko konke kusifikele, asikulibalanga wena,Asixokanga emnqophisweni wakho;
18 Ayibuyanga umva intliziyo yethu,Ukunyathela kwethu akuthanga gu bucala emendweni wakho;
19 Ukuba usityumze endaweni yeempungutye,Usigubungele ngethunzi lokufa.
20 Ukuba besililibele igama loThixo wethu,Sazolulela kuthixo wasemzini izandla zethu,
21 Úbengayi kuyigoca-goca na uThixo loo nto,Ngokuba ezazi iindawo ezifihlakeleyo zentliziyo?
22 Hayi, Ngenxa yakho sibulawa imihla yonke;Kuthiwa siziigusha zokuxhelwa.
23 Vuka, ùlaleleni na, Nkosi yam?Qabuka, ungasihlambi kuphele.