2 Okokuba isandla sakho sagqogqa iintlanga, sabatyala bona;Saviva izizwe, sabanabisa bona.
3 Ngokuba àbalihluthanga ilizwe ngekrele labo,Àbazisindisanga ngengalo yabo;Sisandla sakho sokunene, nengalo yakho, nokukhanya kobuso bakho;Ngokuba wawunesisa kubo.
4 Wena unguKumkani wam, Thixo;Yitsho lubekho usindiso kuYakobi.
5 Ngawe sobangqula abasibandezelayo;Egameni lakho sobagqusha abasukela phezulu kuthi.
6 Ngokuba àndikholose ngasaphetha sam;Andisindiswa ngakrele lam.
7 Hayi! Nguwe osisindisayo kwabasibandezelayo,Ubadànise abasithiyileyo.
8 NgoThixo sidumisa imihla yonke,Sibulele kwigama lakho ngonaphakade. (Phakamisani.)