4 Wena unguKumkani wam, Thixo;Yitsho lubekho usindiso kuYakobi.
5 Ngawe sobangqula abasibandezelayo;Egameni lakho sobagqusha abasukela phezulu kuthi.
6 Ngokuba àndikholose ngasaphetha sam;Andisindiswa ngakrele lam.
7 Hayi! Nguwe osisindisayo kwabasibandezelayo,Ubadànise abasithiyileyo.
8 NgoThixo sidumisa imihla yonke,Sibulele kwigama lakho ngonaphakade. (Phakamisani.)
9 Noko ke ùsihlambile, ùsihlazile,Akwaphuma nemikhosi yethu.
10 Ùsibuyisé umva phambi kombandezeli;Abasithiyileyo basiphangile okwabo.