10 Yiva, ntombi, ubone, uthobe indlebe yakho,Ubalibale abantu bakowenu, nendlu kayihlo;
11 Akùbunqwenela ubunzwakazi bakho ukumkani,Wòqubuda kuye, ngokuba eyinkosi yakho.
12 Intombi enguTire, izityebi zabantu,Ziya kukuncekelela ngomnikelo.
13 Bubuyokoyoko bodwa intombi yokumkani kweliphakathi igumbi.Isambatho sayo sesilukwe igolide.
14 Isiwa kukumkani ineengubo ezimfakamfele;Ziyilandela iintombi ezingowayo,Zisiwa kuwe,
15 Zisiwa ngovuyo nangomgcobo,Zingene ebhotweni lokumkani.
16 Endaweni yooyihlo iya kuba ngoonyana bakho;Ùya kubamisa babe ngabathetheli ehlabathini lonke.