7 Ùthanda ubulungisa, uthiyé okungendawo;Ngenxa yoko úkuthambisile uThixo, uThixo wakho,Ngeoli yemihlali ngaphezu kwabalingane bakho.
8 Ziyimore* nehaloti* nekasiya* iingubo zakho zonke;Emabhotweni eempondo zeendlovu uhadi lukuvuyisile.
9 Kukho iintombi zokumkani phakathi kwabathandekayo bakho;Ukumkanikazi umi ngasekunene kwakho,Enxibe igolide ecikizekileyo yakwaOfire.
10 Yiva, ntombi, ubone, uthobe indlebe yakho,Ubalibale abantu bakowenu, nendlu kayihlo;
11 Akùbunqwenela ubunzwakazi bakho ukumkani,Wòqubuda kuye, ngokuba eyinkosi yakho.
12 Intombi enguTire, izityebi zabantu,Ziya kukuncekelela ngomnikelo.
13 Bubuyokoyoko bodwa intombi yokumkani kweliphakathi igumbi.Isambatho sayo sesilukwe igolide.