1 UThixo ulihlathi, uligwiba kuthi;Ezimbandezelweni ufumaneke eluncedo kunene.
2 Ngenxa yoko asoyiki ekuphendukeni kwehlabathi,Ekudilikeleni kweentaba esazulwini solwandle.
3 Makagqume alephuze amanzi alo,Iintaba zinyikime ngokukratsha kwalo. (Phakamisani.)
4 Kukho umlambo ozibhaxa zivuyisa umzi kaThixo,Ingcwele yeminquba yOsenyangweni.
5 UThixo uphakathi kwawo, awushukunyiswa;UThixo uyawunceda kwasekuzeni kokusa.