4 Kukho umlambo ozibhaxa zivuyisa umzi kaThixo,Ingcwele yeminquba yOsenyangweni.
5 UThixo uphakathi kwawo, awushukunyiswa;UThixo uyawunceda kwasekuzeni kokusa.
6 Ziyaxokozela iintlanga, ziyashukuma izikumkani:Ukhupha izwi lakhe, linyibilike ihlabathi.
7 UYehova wemikhosi unathi,Ingxonde yethu nguThixo kaYakobi. (Phakamisani.)
8 Yizani nikhangele imisebenzi kaYehova:Owenze iziphanziso ehlabathini;
9 Ulophelisa iimfazwe kude kuse eziphelweni zehlabathi;Waphúla isaphetha, angqumze umkhonto,Atshise iinqwelo zokulwa ngomlilo.
10 Yekani, nazi ukuba ndinguThixo mna.Ndiya kuphakanyiswa ezintlangeni, ndiya kuphakanyiswa ehlabathini.