11 Iintaka zonke zasezintabeni ndiyazazi,Nento edakasa endle inam.
12 Ukuba bendilambile, ndibe ndingayi kukuxelela;Ngokuba lelam elimiweyo nenzaliseko yalo.
13 Ndidlè inyama yeenkunzi eziziimbalasane na?Ndisèle igazi leenkunzi zeebhokhwe na?
14 Bingelela kuYehova umbulelo,Uzizalise kOsenyangweni izibhambathiso zakho;
15 Ubìze mna ngemini yembandezelo,Ndikuhlangule, undizukise.
16 Ke kongendawo uthi uThixo,Ùseké phi na wena ukuxela ummiselo wam,Uwuphàthe ngomlomo wakho umnqophiso wam,
17 Úyithiyile nje intethiso wena,Uwaphosé nje amazwi am emva kwakho?