12 Ukuba bendilambile, ndibe ndingayi kukuxelela;Ngokuba lelam elimiweyo nenzaliseko yalo.
13 Ndidlè inyama yeenkunzi eziziimbalasane na?Ndisèle igazi leenkunzi zeebhokhwe na?
14 Bingelela kuYehova umbulelo,Uzizalise kOsenyangweni izibhambathiso zakho;
15 Ubìze mna ngemini yembandezelo,Ndikuhlangule, undizukise.
16 Ke kongendawo uthi uThixo,Ùseké phi na wena ukuxela ummiselo wam,Uwuphàthe ngomlomo wakho umnqophiso wam,
17 Úyithiyile nje intethiso wena,Uwaphosé nje amazwi am emva kwakho?
18 Xa ubona isela, ukholana nalo,Wabelane nabakrexezi.