3 Uyeza uThixo wethu, akayi kuthi cwaka.Kudla umlilo phambi kwakhe,Ngeenxa zonke kuye sisaqhwithi esikhulu.
4 Ubiza izulu phezulu,Nehlabathi, ukuba agwebe phakathi kwabantu bakhe.
5 Úthi, Bahlanganiseleni kum abam benceba,Abenzé umnqophiso nam ngombingelelo.
6 Izulu lixela ubulungisa bakhe,Ngokuba uThixo eza kugweba yena. (Phakamisani.)
7 Yivani, bantu bam, ndithethe;Sirayeli, ndiqononondìse kuwe;NdinguThixo, uThixo wakho.
8 Andikohlwayi ngenxa yemibingelelo yakho,Namadini akho anyukayo aphambi kwam amaxesha onke.
9 Andiyi kuthabatha zinkunzi zankomo endlwini yakho,Nazinkunzi zabhokhwe esibayeni sakho.