8 Andikohlwayi ngenxa yemibingelelo yakho,Namadini akho anyukayo aphambi kwam amaxesha onke.
9 Andiyi kuthabatha zinkunzi zankomo endlwini yakho,Nazinkunzi zabhokhwe esibayeni sakho.
10 Ngokuba zezam zonke iinyamakazi zehlathi,Neenkomo ezisezintabeni eziliwaka.
11 Iintaka zonke zasezintabeni ndiyazazi,Nento edakasa endle inam.
12 Ukuba bendilambile, ndibe ndingayi kukuxelela;Ngokuba lelam elimiweyo nenzaliseko yalo.
13 Ndidlè inyama yeenkunzi eziziimbalasane na?Ndisèle igazi leenkunzi zeebhokhwe na?
14 Bingelela kuYehova umbulelo,Uzizalise kOsenyangweni izibhambathiso zakho;