1 Yinene na kodwa ukuba nithetha ubulungisa, nina bothixo?Nigweba oonyana babantu ngokuthe tye?
2 Hayi, entliziyweni nenza ngobugqwetha;Ezweni nilinganisela ukugonyamela kwezandla zenu.
3 Abangendawo baphambukile kwasesizalweni;Bandwendwile kwasesiswini abathethi bamanga.
4 Banobuhlungu obunjengobuhlungu benyoka,Njengephimpi elizenza isithulu, elivingca indlebe yalo;
5 Ukuze lingaliva izwi labanyangi,Lababopha ngomabophe, beziingcibi.
6 Thixo, yaphula amazinyo abo emlonyeni wabo;Amabamba eengonyama ezintsha wavithe, Yehova.
7 Mabaphalale njengamanzi equkuqela;Akuxuna iintolo zakhe, mazinge zicutshiwe.