1 Yehova, musa ukundohlwaya únomsindo,Ungandithethisi únobushushu.
2 Ndíbabale, Yehova, ngokuba ndintshwenyile;Ndíphilise, Yehova, ngokuba ekhwankqisiwe amathambo am.
3 Umphefumlo wam ukhwankqiswe kakhulu;Ke wena, Yehova, koda kube nini na?
4 Buya, Yehova, uwuhlangule umphefumlo wam;Ndísindise ngenxa yenceba yakho.
5 Ngokuba ekufeni akusekho kukukhumbula;Kwelabafileyo ngubani na osenokubulela kuwe?
6 Ndidiniwe kukugcuma kwam;Ndiludadisa ubusuku bonke ukhuko lwam,Ndiwenza manzi umandlalo wam ngeenyembezi zam.
7 Lonakele kukukhathazeka iliso lam;Laluphele ngenxa yababandezeli bam bonke.