2 Ulinyikimisile ilizwe, ulikrazule;Philisa iintanda zalo ngokuba lishukuma.
3 Ubabonisile abantu bakho into elukhuni,Usisezé iwayini ehexisayo.
4 Ubanike ibhanile* abakoyikayo,Ukuba bayiphakamise ngenxa yenyaniso. (Phakamisani.)
5 Ukuze zihlangulwe iintánda zakho,Sindisa ngesandla sakho sokunene, undiphendule.
6 UThixo uthethe engcwele: mandivuyelele,Ndimabe uShekem, ndiyilinganisele intili yaseSukoti.
7 Ngowam uGiliyadi, ngowam uManase,UEfrayim sisigcina-ntloko sam,UYuda yintonga yam yommiselo;
8 UMowabhi sisitya sam sokuhlambela,Ndiyiphosa kuEdom imbadada yam;Filisti, nkqangaza wena ngam.