2 Ndidanduluka kuwe ndisesiphelweni sehlabathi, ekutyhafeni kwentliziyo yam;Ndíkhaphele eweni elisemalengalengeni kum.
3 Ngokuba ulihlathi lam,Uyinqaba ende eliqele phambi kotshaba.
4 Ndiya kuphambukela ententeni yakho ngonaphade,Ndiya kuzímela ngesithe lamaphiko akho. (Phakamisani.)
5 Ngokuba wena, Thixo, uzivile izibhambathiso zam;Ubaniké ilifa abaloyikayo igama lakho.
6 Ùya kongeza imihla emihleni yokumkani;Iminyaka yakhe iya kuba njengezizukulwana ngezizukulwana;
7 Úya kuhlala ngonaphakade phambi koThixo;Mmisele inceba nenyaniso, ukuba zimlondoloze.
8 Kukhona ndiya kulibethela uhadi igama lakho ngonaphakade,Ndizizalise izibhambathiso zam imihla ngemihla.