1 Thixo, ùnguThixo wam, ndiya kukuquqela kwakusasa,Umphefumlo wam unxanele wena; inyama yam iyakulangazelelaEzweni elingumqwebedu, elibharhileyo, eligenamanzi.
2 Ndenjénjalo ukukhangela kuwe engcweleni,Ukuba ndibone amandla akho nobuqaqawuli bakho.
3 Ngokuba inceba yakho ilungile ngaphezu kobomi,Umlomo wam uya kukuncoma.
4 Ndiya kwenjenjalo ukukubonga lo gama ndihleliyo,Ndiphakamìse izandla zam egameni lakho.