5 Umphefumlo wam uhluthi umongo namanqatha;Ngemilebe yomlomo wam omemelelayo úya kukudumisa umlomo wam,
6 Ndákukukhumbula emandlalweni wam,Emilindweni yobusuku ndicamanga ngawe.
7 Ngokuba uluncedo kum,Ndinokumemelela esithunzini samaphiko akho.
8 Umphefumlo wam uthene mbende nawe;Isandla sakho sokunene sindibambile.
9 Ke bòna bafuna umphefumlo wam ukuze batshabalale,Baya kutshona kwezisezantsi iindawo zehlabathi.
10 Baphalazelwa emandleni ekrele;Baba sisabelo seempungutye.
11 Ke yena ukumkani uya kuvuya ngoThixo;Baya kuqhayisa abo bonke bafunga yena;Ngokuba úya kuvingcwa umlomo wabathetha ubuxokoi.