5 Yizani, nibone imisebenzi emikhulu kaThixo,Engowoyikekayo ekwenzeni kwakhe koonyana babantu.
6 Wáluguqula ulwandle lwayinto eyomileyo;Bawuwela umlambo ngeenyawo;Apho savuya ngaye.
7 Ulolawula ngobugorha bakhe ngonaphakade;Amehlo akhe ayabonisela ezintlangeni;Abaziinjubaqa mabangaziphakamisi. (Phakamisani.)
8 Mbongeni, zizwe, uThixo wethu,Nivakalise ilizwi lendumiso yakhe.
9 Ulomisa umphefumlo wethu ebomini,Àkalunikela unyawo lwethu ekutyibilikeni.
10 Ngokuba ùsicikidile, Thixo;Ùsinyibilikisile njengokunyibilikiswa kwesilivere;
11 Ùsingenise emboniselweni;Ùbeke uxinzelelo esinqeni sethu;