29 Bevela etempileni yakho eyongamele iYerusalem,Ookumkani mabeze nezithabathaba kuwe.
30 Khalimela amarhamncwa asengcongolweni,Umhlambi weenkunzi eziziimbalasane, kunye namathole ezizwe,Ukuze baziwise benezijungqe zesilivere.Wazibhangisa izizwe eziyithandayo imfazwe.
31 Kovela amanono eYiputa;UKushi wozolulela msinya izandla zakhe kuThixo.
32 Zikumkani zehlabathi, vumani kuThixo,Niyibethele uhadi iNkosi; (Phakamisani.)
33 Ekhwela ecanda emazulwini awo amazulu amandulo;Nanko elikhupha ilizwi lakhe, ilizwi elinamandla.
34 Mnikeni amandla uThixo;Buphezu koSirayeli ubungangamsha bakhe;Asesibhakabhakeni amandla akhe.
35 UloThixo woyikekayo ezingcweleni zakho.UloThixo kaSirayeli, ubanikayo amandla nokomelela abantu.Makabongwe uThixo.