10 Mna, umphefumlo wam walila, uzila ukudla;Oko kwaba yingcikivo kum.
11 Oko kwaba yingcikivo kum.Iingubo zam zaba zezirhwexayo,Ndaba yinto yokuzekelisa kubo.
12 Bathetha ngam abahleli esangweni;Ndiyingoma yamanxila.
13 Ke mna ndithandaza kuwe, Yehova, ngexesha elikholekileyo:Thixo, ngobuninzi benceba yakho,Ndíphendule ngenyaniso yosindiso lwakho.
14 Ndílangule eludakeni, ndingatshoni;Mandihlangulwe kwabandithiyayo nasemimbithini enamanzi.
15 Mawungandintywiliseli umsinga wamanzi;Ingandiginyi inzulu;Iqula malingandivingceli ngomlomo walo
16 Ndíphendule, Yehova, ngokuba ilungile inceba yakho,Ngangobuninzi bemfesane yakho ndíbheke.