9 Mabuphele ububi babangendawo, ulizimase ilungisa;Ùngumcikidi weentliziyo nezintso, Thixo wobulungisa.
10 Ingweletshetshe yam inoThixo,Umsindisi wabantliziyo zithe tye.
11 UThixo ngumgwebi olilungisa;ÚnguThixo obhavuma yonke imihla.
12 Ukuba ongendawo uthe akabuya, ulilolile ikrele lakhe;Úsityedile isaphetha sakhe, wasilungisa.
13 Uzibhekisé kuye izixhobo zokufa,Uzenzé zanomlilo iintolo zakhe.
14 Yabona, yena unenimba yobutshinga;Ukhawulé ububi, wazala ubuxoki;
15 Umbé umhadi, wawugomba;Weyela esihogweni awasisebenzayo.