13 Mabadane, bagqitywe, abawuchasayo umphefumlo wam,Bathiwe wambu yingcikivo nehlazo abafuna ukuba ndihlelwe bububi.
14 Ke mna ndiya kuhlala ndilindile,Ndongeze endumisweni yakho yonke.
15 Umlomo wam uya kubalisa ngemisebenzi yobulungisa bakho,Neyosindiso lwakho imini yonke, ngokuba ndingàwazi amanani ayo.
16 Ndiya kuza nemisebenzi yobugorha beNkosi uYehova;Ndiya kukhankanya ubulungisa bakho, bakho wedwa.
17 Thixo, undifundisile kwasebuncinaneni bam;Unangoku ndiyayixela imisebenzi yakho ebalulekileyo.
18 Thixo, musa ukundishiya kude kuye ebuxhegweni nasezimvini;Ndide ndiyixele ingalo yakho kwisizukulwana esitsha,Nobugorha bakho kubo bonke abaya kuza.
19 Thixo, ubulungisa bakho buye bafika phezulu;Wena uzenzayo izinto ezinkulu,Thixo, ngubani na onjengawe?