3 Yiba liliwa elilikhaya kum, ndize kulo ngamaxesha onke.Uwisé umthetho wokuba ndisindiswe,Ngokuba ingxondorha yam nemboniselo yam nguwe.
4 Thixo wam, ndísize esandleni songendawo,Esandleni sogqwethayo nosisibhovubhovu.
5 Ngokuba ulithemba lam, Nkosi yam, Yehova,Inkoloseko yam kwasebuncinaneni bam.
6 Ndixhaswé nguwe kwasesizalweni;Nguwe owandityhobozisayo ezibilinini zikama.Indumiso yam ingawe ngamaxesha onke.
7 Ndinjengesimanga kwabaninzi;Ke wena ulihlathi lam elinqabileyo.
8 Umlomo wam uya kuzala yindumiso yakho,Sisihombo sakho imini yonke.
9 Musa ukundilahla ngexesha lobuxhego;Musa ukundishiya akuphela amandla am.