10 Kunini na, Thixo, umbandezeli engcikiva?Utshaba luhleli luligiba igama lakho?
11 Usifinyezeleni na isandla sakho, nesokunene sakho?Sírhole esifubeni sakho, ulugqibe.
12 Ke uThixo nguKumkani wam kwakumandulo,Ulosebenza usindiso phakathi kwehlabathi lonke.
13 Nguwe owahlula ulwandle ngamandla akho,Owaphula iintloko zeengwenya emanzini.
14 Nguwe owaxhaxha iintloko zeleviyatan,*Wazinika zakukudla kubantu, kubemi bomqwebedu.
15 Nguwe owagqobhoza yayimithombo, yayimilanjana;Nguwe owomisa imilambo engomiyo.
16 Yeyakho imini, bobakho nobusuku;Nguwe owalungisa ukukhanya nelanga.