13 Nguwe owahlula ulwandle ngamandla akho,Owaphula iintloko zeengwenya emanzini.
14 Nguwe owaxhaxha iintloko zeleviyatan,*Wazinika zakukudla kubantu, kubemi bomqwebedu.
15 Nguwe owagqobhoza yayimithombo, yayimilanjana;Nguwe owomisa imilambo engomiyo.
16 Yeyakho imini, bobakho nobusuku;Nguwe owalungisa ukukhanya nelanga.
17 Nguwe owamisa yonke imida yehlabathi;Ihlobo, nobusika, nguwe owazibumbayo ezo zinto.
18 Khumbula oku; utshaba lungcikiva uYehova,Abantu abanobudenge baligibile igama lakho.
19 Musa ukuwunikela erhamncweni umphefumlo wehobe lakho;Ungahlali uwulibele umhlambi wakho oziintsizana.