1 Siyabulela kuwe, Thixo, siyabulela;Lisondele igama lakho;Babalisa imisebenzi yakho ebalulekileyo.
2 Ngokuba ùthi, Ndiya kwenza ngexesha elimisiweyo,Mna ndiya kugweba ngokuthe tye.
3 Liyetha amandla ihlabathi, nabemi balo;Ke mna, ndizizinzisile iintsika zalo. (Phakamisani.)
4 Ndithi kubaqhayisi, Musani ukuqhayisa;Nakwabangendawo, Musani ukuphakamisa uphondo;
5 Musani ukuluphakamisela phezulu uphondo lwenu,Ningathethi ngokusa, nolùle intamo.