4 Ndithi kubaqhayisi, Musani ukuqhayisa;Nakwabangendawo, Musani ukuphakamisa uphondo;
5 Musani ukuluphakamisela phezulu uphondo lwenu,Ningathethi ngokusa, nolùle intamo.
6 Ngokuba ugwebo aluveli empumalanga nasentshonalanga,Nasentlango yeentaba.
7 Hayi, nguThixo ogwebayo;Úyamthoba lo, amphakamise lowa.
8 Ngokuba indebe isesandleni sikaYehova,Iphuphuma igwebu lewayini, izele yephithikeziweyo.Úthulula kuyo; ewe, iintlenga zayoZiya kuselwa zifincwe ngabangendawo bonke behlabathi.
9 Ke mna ndiya kushumayela ngonaphakade,Ndiya kuvuma kuThixo kaYakobi;
10 Zonke iimpondo zabangendawo ndiya kuzixakaxa,Iimpondo zelungisa ziya kuphakanyiswa.