18 Bamlinga uThixo ngentliziyo yabo,Ngokuwubizela umphefumlo wabo ukudla.
19 Bathetha ngoThixo, bathi,Únako na uThixo ukulungisa isithebe entlango?
20 Yabona, walibetha iliwa, abaleka amanzi,Yakhukula nemilanjana;Wóba nako na nokubanika ukutya,Nokubalungiselela inyama abantu bakhe?
21 Weva ke uThixo, waphuphuma umsindo wakhe,Watsha umlilo kwaYakobi,Kwenyuka kwaya umsindo kwaSirayeli;
22 Ngokuba bengakholwanga kuThixo,Bengakholosanga ngosindiso lwakhe.
23 Waziwisela ke umthetho iingqimba zamafu ngaphezulu,Wazivula iingcango zezulu;
24 Wabanisela ngemana* ukuze badle,Wabanika ingqolowa yasezulwini.