21 Weva ke uThixo, waphuphuma umsindo wakhe,Watsha umlilo kwaYakobi,Kwenyuka kwaya umsindo kwaSirayeli;
22 Ngokuba bengakholwanga kuThixo,Bengakholosanga ngosindiso lwakhe.
23 Waziwisela ke umthetho iingqimba zamafu ngaphezulu,Wazivula iingcango zezulu;
24 Wabanisela ngemana* ukuze badle,Wabanika ingqolowa yasezulwini.
25 Umntu wadla isonka sOnamandla;Wabathumela umphako bada badikwa.
26 Wandulula umoya wasempumalanga ezulwini,Wawuqhuba ngamandla akhe umoya wasezantsi;
27 Wabanisela inyama njengothuli,Neentaka ezinamaphiko njengentlabathi yolwandle;