22 Ngokuba bengakholwanga kuThixo,Bengakholosanga ngosindiso lwakhe.
23 Waziwisela ke umthetho iingqimba zamafu ngaphezulu,Wazivula iingcango zezulu;
24 Wabanisela ngemana* ukuze badle,Wabanika ingqolowa yasezulwini.
25 Umntu wadla isonka sOnamandla;Wabathumela umphako bada badikwa.
26 Wandulula umoya wasempumalanga ezulwini,Wawuqhuba ngamandla akhe umoya wasezantsi;
27 Wabanisela inyama njengothuli,Neentaka ezinamaphiko njengentlabathi yolwandle;
28 Yawa phakathi kweminquba yabo,Ngeenxa zonke emakhayeni abo.