25 Umntu wadla isonka sOnamandla;Wabathumela umphako bada badikwa.
26 Wandulula umoya wasempumalanga ezulwini,Wawuqhuba ngamandla akhe umoya wasezantsi;
27 Wabanisela inyama njengothuli,Neentaka ezinamaphiko njengentlabathi yolwandle;
28 Yawa phakathi kweminquba yabo,Ngeenxa zonke emakhayeni abo.
29 Badla, bahlutha kakhulu,Wabazisela ke inkanuko yabo.
30 Bengekashenxi enkanukweni yabo,Kusekho ukudla kwabo emlonyeni wabo:
31 Kwenyuka umsindo kaThixo waya kubo,Wabulala phakathi kwabatyebileyo babo,Wawawisa amadodana akwaSirayeli.