34 Xa wathi wababulala, bamquqela;Babuya bamquqela uThixo ngenyameko,
35 Bakhumbula ukuba uThixo uliliwa labo,UThixo Osenyangweni ungumkhululi wabo.
36 Ke bamthomalalisa ngomlomo wabo,Bamxokisa ngolwimi lwabo;
37 Intliziyo yabo ayaqina kuye,Àbanyaniseka emnqophisweni wakhe.
38 Ke yena unemfesane,Uxolela ubugwenxa ngocamagushelo, akonakalisi;Wawubuyisa futhi umsindo wakhe,Akabuxhoxha bonke ubushushu bakhe.
39 Wakhumbula ukuba bayinyama,Bangumoya omkayo, ongabuyiyo.
40 Kukangaphi bemphikisa entlango,Bemenza buhlungu enkangala!